







kowabo!
Kwenzeka ngolunye uLwesibini emva kokuba uJV wayengaphangelanga ngoMvulo, waya eofisini kaReg eyoxela ukusweleka ngequbuliso kukayise. Kwesi sihlandlo uReg wambuza ukuba kanti unootata abangaphi, kodwa uJV wamphendula ngokuba ngokwesiko labaNtsundu bonke abantakwabo tata wakho bangootata kuwe. Okumangalisayo ke kukuba yaphela emva koko into yokusweleka kwabantu rhoqo, kwavela eyokungaphili kwakhe rhoqo.
Ngoku uJV wayenomkhwa wokuthi akaphiianga, ngelishwa iintsuku owayengaphili ngazo zaziquka noMvulo. Emva kwexesha, uAod Baker (owayelisekela Iomhleli omkhulu owayekrokrela ukuba kukho unyawo lwemfene ekuguleni kwakhe, wathatha omnye esasisebenza naye (andizulixela igama lakhe) baya kwajv. Ngelishwa bafika engekho ekhaya ekwisirhoxo esikufutshane. Kwenzeka ukuba bathi xa beza kusuka bahambe suka wathi gqi uJV ephethe iibhotile zebhiya. Oko kwamenza wanikwa inothisi yokugqibela emsebenzini. Kodwa akazange awuyeke unikhwa wakhe...
Waphinda eso uJV emva kweenyanga ezimbalwa, waphinda wayomjonga kwakhe uRod Baker. Wafika esesirhoxweni kwakhona. Yaba kukuphelelwa kwakhe ngumsebenzi kwaBONA oko.
Omnye wabantu esasiphangela nabo nguBarbara Zulu, ongunobhala womhleli weBONA nangoku. Sasifunda ebusweni bukaBarabara ukuba umhleli utyhilekile na nokuba akatyhilekanga. Wawudla ngokuqonda ukuba umhleli utyhilekile xa uBarbara ekubulise ngobuso obunoncumo aze athi ttngena! Wawumbona ngokuba ngathi uxakekile ngamaphepha aphambi kwakhe ukuba zimbi izinto ngaloo mini. Ngezinye iimini wawufika encumile athi ngena kanti uza kuziphosa kumhleli engatyhilekanga tu!
U-Aggrey Mokoena, umhleli wokuqala weBONA yesiSuthu, wayembiza ngokuba uyi-Wall of Berlin uBarbara kuba wayedla ngokumnqanda xa enomsindo efuna ukubona uReg. Yena wayengakhathali ngobhasi yaye wayeyiphikisa imiyalelo emininzi esasiyinikwa emsebenzini. Kwakubonakala ukuba uReg wayekruqukile nguye yaye wayezama kangangoko enako ukuba bangabonani. UBarbara ke ngoyena mntu wayesenza bangabonani.
Ebantwini esasiphangela nabo kwakukho noPrimrose Williams owayengazithandi izinto ezithandwa ngabantu ethanda nokunxiba iibhulukhwe, uDoris Gogela, uNomava Xosa, uDave Ellinger, uMike Mtakati owayethanda ukuncokola, uDon Bain, uRod Baker, uMoira Hunt, uCharles Hyman noLechesa Tsenoli, oliLungu lePalamente ngoku!
ULechesa uya kukhumbula
examtutiswa nguHeg ngoKungawenzi umsebenzi wakhe. Ngelo xesha uLechosa wayeliiungu eliphambili leUnited Democratic Front (UDF) yaye wayengenalo ithuba lokubhala amabali
- ingakumbi amabali angenanto yakwenza nepoiitiki! Kuthiwa uReg wamgxolisa kanobom, emxolela ukuba ufumana umvuzo ekupheleni kwenyanga nangona engakhange asebenze, yaye uLechesa akazange abe nampendulo kuloo nto. Phofu ke kwakungamarhe eofisi yeendaba yawo.


























URoland Mqwebu (ekunene), ekunye noJV nomfo ababedlala naye kwelinye lamabali eBONA abaliswa ngemifanekiso.

Emva kwexesha elide ethule uLechesa wadanduluka engakholwa wathi: Hhheh, Wandithuk' uLungu, madoda!, Ndathula. Sayihleka sonke loo nto sikhumbula ukuba uLechesa akathintwa mntu! Phofu ke masithembe ukuba akavumeli amaqela aphikisana nawo amthuke epalamente ngoku.
Ndiya kuba andigqibanga xa ndingakhankanyi uGilbert Pewa ongasekhoyo, nodlala imidlalo kamabonakude uRonald Mqwebu, odlala indawo kaMkhize emdlalweni kumabonakude othi Emzini Wezintsizwa. UMqwebu wayejongene nokubhengezwayo kwiBONA. UPewa wayesoloko enika amacebo yaye wayengoyena mntu siphalaza kuye iingxaki zethu.
Phezu kwazo ezo zinto, kwakumnandi ukuba yintatheli  yeBONA. Ndaphuma ndayobhala amabali amaninzi nabafoti abehlukeneyo. Endibakhumbulayo nguCharles Hyman, uDon Bain owayenenkqayi noDave Ellinger. NguDave Ellinger
endingasokuze ndimlibale. Kwathiwa mandiyobhala ibali
IeTheko Leenyoka noDave emzini wegqirha ekwakusithiwa ngukhekhekhe. Ndandiqonda ukuba kuza kuba Iinqaku elinomdla elo elaliza kundenza ndimogqithe uAmos Mngoma endandiphangela naye. Kodwa akuzange kubenjalo...
Safika apho kuzele abantu namagqirha atyeleleyo. Sangena kuloo mzi ngesango elisekunxele. Yaba yimpazamo enkulu leyo neyandifaka engxakini. Eli sango lalingasetyenziswa kuba kusithiwa lelokungena izinyanya!
Akuphelanga mizuzu mingaphi ndingene apho, ndaziva ndifuthaniseleka kwanzima ukuphefumla. Ndaziva ndinengqele yaye

























ndibila amanzi abandayo emzimbeni, Ndaphelelwa ngamandla ndawa. Ndaphelelwa ziingqondo imizuzu elishumi. Ndabaliselwa ukuba uDave wandirhuqela emthunzini, wacela unyana kaKhekhekhe ukuba makazonceda.
Ndavuka apho kukho into emuncu endandiseliswa yona kusithiwa mandiyiginye! Emva koko kwathiwa mandifunxe umsi weyeza elaliqhunyiswa. Zaya zibuya kancinane kancinane iingqondo. Ngelo xesha uDave wayeqikileka yintsini. Nonyana kakhekhekhe wangenelela ekuhlekeni suka nam ndagqibela sendomile yintsini.
Ngokukhawuleza emva koko zakhutshwa iinyoka waba uyaqalisa umcimbi esasiye kuwo. Ndabhala ibaii Iam, uDave wafota. Ndaba nethamsanqa Iokuba uDave akazange acinge ukundifota xa ndandigula. Ndiyazi ukuba ndandiya kubona ngefoto yam ixhonywe eludongeni ngezantsi kwayo kubhalwe ukuba: lntatheli efe isiqaqa ilibhalile ibali ebiyolifuna! Ngenene ke eli Iibali lam.
HAPPY BIRTHDAY, BONA!
Kwakumnandi ukukusebenzela. Ndithi mpilo-nde!!!




























UMhleli Wezabasetyhini, uPrimrose Williams, ukubhalela amanqaku
ezabasetyhini rhoqo ngenyanga.


Bhotani Bafundi!
Kule nyanga sineqhayiya lokubhiyozela ukugqiba iminyaka engama-40 iBONA ishicilelwa. Sonke sibe nexesha elimnandi sityhila-tyhila iimagazini zeminyaka edlulileyo xa besibhala olu shicilelo.
Amanye amanqaku kuyahlekisa ukuwafunda emva kweminyaka engama-40. Kodwa amanye akavakali ukuba ngawakudala nkqu nanamhlanje.
Ngubani othi iimpahla ziyaphelelwa lixesha? Sijonge ifashoni yeminyaka engama-40 edlulileyo safumanisa ukuba iimpahla zefashoni ngaloo minyaka zisenokubantle nakule mihla. Yiza sihambe nawe xa sijonga ukuba yayinjani ifashoni yaloo minyaka.
Xa uceba umtshato okanye uza kutshata kungekudala, ndivuyisana nawe! Uya kuyenza ibalasele imini yomtshato wakho ngoncedo lwecandelo lethu labatshati elinezinto ezininzi. Ukususela kwiphepha Iama-69 uza kubona iilokhwe ezintle zomtshato, ikeyiki engayiwayo yomtshato, iziqholo ezinamavumba amnandi, ubukhazikhazi bemisesane, izinto zokuzilungisa zomyeni, nezinye izinto ezininzi.
Njengoko kolu shicilelo sibhiyozela ukugqiba iminyaka engama-40, sikuphathele amabhaso anomahluko kukhuphiswano lweRevlon Jet Set
-iIBAJAJ M80 ELECTRONIC BIKES EZINE.
Eneneni olu shicilelo Iukuphathele lukhulu ngaba ndikuxelele ukuba sikwanentaphane yezipho? Ndaphantse ndalibala nto. Xa ungekalungeneli ukhuphiswano lweLemon Lite, washiywa! Eli lithuba lakho Iokugqibela!

De kube kwinyanga ezayo.












L
 ibala ngeemoto ezixab' endleleni! Libala ngokulinda iiteksi! Libala
ngokuzikhathaza ngexabiso lepetroli!

Fumana intombazana yakho yamaphupha ngeBAJAJ M80 kunye neemveliso zakwaREVLON zeS-CURL! Fika ngethuba emsebenzini ngokukhuselekileyo yaye ungachithanga namali ininzi -usebenzisa isithuthi sangomso!

Yonwabela ukukhwela

Khawuqwalasele iimpawu
zezithuthuthu zaselndiya ii-8Occ:
*	lnjini i-8Occ enamandla.
* Yonga- ngelitha enye unokuhamba i-68km
*	Zinetrame eyomeleleyo.
*	lishock absorbers eziqinisekisa

ukhuseleko.
*	lzitulo ezikhulu ezitofotofo

ezenzelwe ukuba ulonwabele uhambo olude.
* lkhaphukhaphu. IBAJAJ M80 inobunzima obuyi-78kg lilonke endaweni yokuyibeka esichengeni sokubiwa ngokuyishiya esitratweni ngorhatya ungayingenisa endlwini rhoqo.
Intle, ithembekile, inamandla, kwaye inezinto eziyenza ibe yodwa iBAJAJ
M80.
ELi lithuba lokuba ngomnye wabazizuzela ezabo iBAJAJ M80.

Kodwa ukuze ube mhle kwiBAJAJ M80, ethekweni nasemsebenzini iinwele zakho kufuneka zibe ntle -kwaye indlela yokuphumelela iphenjelelwa zii-S-Curl zakwaREVLON. Zenzelwe ukuphucula iinwele ekunzima ukuzilungisa zibe ntle ngemizuzwana. Yenza ii-S-Curl ngeREVLON ube


iifoto zifotwe nguMICKEY HOVLE iinwele zilungiswe nguJAYPEE esebenzisa iREVLON S-CURL PRODUCTS
imake-up yenziwe nguTANYA iimpahla zezakwaACKERMAN.
umlungelelanisi nguWENDY CLEGG
ngomnye umntu - kuthatha nje imizuzwana yonke imihla. Zine iimveliso onokuzisebenzisa:
1. lTexturizing Relaxer - elula izaphothe zeenwele eziqinileyo. 2. lNeutralizing Shampoo -eyondelelanisa isoluli, icoce kwaye izenze zilungiseke lula iinwele zakho. 3. lTexturizing Gel ACtivator -iyafumisa, ilungise kwaye izithambise izaphothe zeenwele zakho zthlale
























zisempilweni yonke imihla. 4. IMoisturizing Pomade - izigcina zikwimo entle iinwele zakho, izifumise izenze zibukeke zikhule.

Uyafuna ukuba yinxalenye yejet set ngeBAJAJ M80 kunye neemveliso ze-S-CURL zakwaAEVLON - ezona mve!iso ziphambili zeenwele?

Nantsi indlela yokwenza:
Funda ngeBAJAJ M80 kunye neemveliso zeenwele ze-S-CURL
zakwaREVLON wandule ukuphendula
Ie mibuzo mibini ilula kwikhuphoni yakho, ubhale konke ngawe uthumele
kwa: THE REVLON JET SET Competition, P.O. Box 1231, lsando, 1 600. Kodwa khawulezisa - umhla wokuvalwa kolu khuphiswano lulodwa ngowama-31 kuOktobha, l 996.

lmithetho:
l. Umhla wokuvalwa kolu khuphiswano ngowama-31 kuOktobha, 1 996. Akayi kwamkelwa amangenelo afike emva kwalo mhla.
2. Olu khuphiswano luvuleleke nakubani na ngaphandle kwabasebenzi bakwaBona, abakwaRevlon, abakwaBajaj Auto kunye neentsapho zabo. 3. Amabhaso ngalawo axeliweyo kwaye akasayi kutshintshwa. 4. Abazuze iBajaj M80 luxanduva lwabo ukufumana iilisensi yokuyiqhuba, izixhobo zokhuseteko neendleko okufumana ezo zinto.


Thumela ikhuphoni kwa: The
REVLON JET SET
COMPETITION, P.O.Box
1 231, lsando, 1 600.

Gqibezela:
1. IBAJAJ M80 ingahamba  km ngefitha yepetroli.

2. limveliso zakwaRevlon ze  zeyona ziphambili kwiimveliso zeenwele.

lgama                ldilesi                 lkhowudi             Inombolo
                            yomnxeba       



		BONA XHOSA - September 1 996 45

48 BONA XHOSA

		BONA XHOSA - September 1996 49

